Nakuba ulwaphulo-mthetho ezikolweni lubangelwa ngamaqela amancinane abantu kubalulekiie ukuba iinkampani zoonogada okanye amapolisa abekho ezikolweni ukuze kulawule uxolo nocwangco, utshilo.
ISADTU iza kunxibelelana noluntu namapolisa, imibutho yabazali neyabafundi ukuze kulwe nolwaphulo-mthetho. ISADTU ikwalungiselela ukufanisa abo babangela iingxaki ezikolweni. Malunga neetitshala ezibandakanyeka kulwaphulomthetho uGlen uthi:
Malunga nomthetho wokuziphatha, eli Sebe leMfundo liza kubabeka endleleni eyiyo.
Silwa nokuvetiswa kwemidlalo yeqonga exhalisayo njengoYizo Yizo. Kukho imfuneko yokubuya uphandwe lo mdlalo ukuqonda enoba uhombisa ulwaphulo mthetho kusini na. Mna lo mdlalo weqonga ndiwubona ngenxenye ube negalelo kulwaphulo-mthetho ezikolweni, utshilo uGlen.
Kwelinye icala iSebe leMfundo
Iithi liyayixhasa i Yizo Yizo kuba iyafundisa ukanti ivakalisa umoya wokuthetha phandle ungenaxhala.
Lo mdlalo ukwaqhubeka nemiba eyinxalenye yokulwa kwanokusombulula okucel umngeni okuquka ulwaphulomthetho nobundlobongela ezikolweni. lsebe libona ukuba kufuneka sibandakanyeke ekucaciseni imiba yolwaphulo-mthetho nobundlobongela singayiphosi emagxeni karhulumente kuphela. EIi sebe Iikubona oku kusebenzisana nokulwa nobundlobongela ezikolweni zethu
- kukhawuleziswa, utshilo osisithethi seli sebe.
lzikolo zisisipili soluntu utshilo othethela eli sebe, eli sebe liceba nabasezikolweni ngeendlela zokusombulula ungquzulwano, uthethathethwano nokulamla. Kukwakho namacebo okuphucula ukhuseleko. La aquka:
Ukubiyela ezikolweni
lzixhobo zokuhlab umkhosi lingcango neefestile ezinqanda
abaqhekezi
izifundo
zoxoLo
lzinto ezimasikizi njengezi kwibali lakwaSABC uYizo Yizo zothusa ilizwe liphela ukuze labangela ukuba liqwalasela izinto eziqhubeka ezikolweni -- kodwa ingaba zaphembelela udushe nangakumbi


Ukuqasha oonogada
Ukufakela amaqhosha
anxibelelene namapolisa neenkampani zoonogada.
Kule nkqubo kucetywa ukuba kubekho abaluleki kokubini kootitshala nabafundi xa kuvela iimini zobunzima ezikolweni. Oku kuvumelana nesimemezo esenziwe lisekela mphathiswa wemfundo uGqr Father Smangaliso Mkhantswa kwiphulo elibizwa ngokuthi yiMoral Regeneration of Values neliza kujoliswa kubafundi nasezikolweni.
Eli phulo lijoliswe ekubumbeni ubudlelwane phakathi kweentsapho, iintlangano zonqulo, izikolo norhulumente ukuba kubanjiswane ekulweni nolwaphulo-mthetho ezikolweni, ukusetyenziswa kweziyobisi nokubangela izikolo zingabi nolwaphufo-mthetho, ukuziphatha kakubi ngokwesini nokusela utywala kwabafundi.
UGqr Mkhatshwa uthe:
lnxaxheba yabazali ibalulekile. Abantwana kufuneka bafundiswe ukuziqeqesha beselula. UNjingalwazi Kader Asmal ongumphathiswa wemfundo ukwahlab ikhwelo lokuba kwicurriculum entsha kuqukwe ukubaluleka koluntu lwedemokhrasi.
lsiqalo seCommunity Alliance of Safe School eThekwini sifanele senjenjaio. lphethwe ngabazali, amaqumrhu angengawo akarhulumente, urhulumente, unqulo nemibutho yoluntu, ingumzekelo kokubini kwiminqweno yabaphathiswa kwanokubandakanyeka. Oku akusayi kunika ingqalelo ekugadeni izikolo kodwa kuya kwandisa ukhuseleko ezikolweni ngokucwangcisa abaphathi ezikolweni, abafundi, iititshala nabazali.
Mhlawumbi ikho intlantsi yethemba ezikolweni ngonyaka ka
2000.
40 BONA XHOSA February 2000
Oogqirha bame nematha ngesizathu esenze intwana eneminyaka eli-1 7 yakwaZulu-Natal yankulu ngendlela engakholelekiyo - kangangokuba bathunyelwe igazi Layo eCambridge University eBritani ukuze kwenziwe uvavanyo lonobangela wesi simanga

42 BONA XHOSA - February 2000
UFatty Boom-Boom
	


wase Manguzi kufote uRAJESH JANTILAL


U
 KUHAMBA kwakhe xa engena kumnyango wakowabo emaphandleni akwaZulu-Natal
kuba nomtsalane. Kaloku le ntwana ineminyaka eli-17 egama linguPhumlani Mdletshe ayifani nabanye abantwana. lnguFatty Boom-Boom waseManguzi ekuyindawo esemaphandleni aKwaZulu-Natal kufutshane nomda waseSwazini, inobunzima obuyi-170kg - kwaye obo bunzima buyathelekelelwa.
Mhla sagqibela ukumsa kwisibhedlele
saseking Edward eThekwini kwasetyenziswa izikali ezibini ukuze kufunyanwe ubunzima bakhe kuba xa sisinye siyaphelelwa singabubonisanga obona bunzima bakhe, utsho unina uJostina Mdletshe oneminyaka engama-61.
Uhambise wathi xa uPhumlani wayeselusana wayekhangeleka enomzimba omlingeneyo. Kodwa wasuka waqala ukuba mkhulu xa wayeneenyanga ezili-14.
Ndamthatha ndamsa kwagqirha apho wafika waxilongwa, ugqirha wathi uphile qete, ezimbeni nasengqondweni, utshilo uJostina. Kodwa uJostina usikhombise iziva ezisemilenzeni kaphumlani waza wasichazela ukuba qho xa ekhe wanomkhuhlane, umzimba wakhe uyadumba ube mkhulu nangakumbi - abe ngathi uza kuvela amathumba amaninzi.
UGqirha owaxilonga uphumlani eKing Edward Hospital, nongathandanga ukuba igama likhankanywe, uthi akanakutsho ngokupheleleyo ukuba Io mfana unengxaki yempilo. Ndiya kuba ndenza iqashiso xa ndisithi into ebangela uPhumlani abe mkhulu kukunqongophala kwelecithin emzimbeni wakhe okanye kubangelwa lufuzo.
Sithumele igazi lakhe eCambridge.. University eUnited Kingdom, nangona kuza kuthabatha ixesha ngaphambi kokuba sifumane iziphumo zovavanyo abaza kulwenza apho. Nayiphi into eya kufunyanwa ukuba iyingxaki yakhe iya kuvela kwiziphumo zolo vavanyo, utshilo ugqirha.
UJostina ukhulise uPhumlani onguntondo kubantwana abasibhozo - amantombazana amane namakhwenkwe amathathu - bantwana abo bonke baneziqu ezilingeneyo, kwaye ukumelana nale ngxilimbela yonyana wakhe kube yingxaki enkulu kuye.
Kunzima ukumfumanela impahla emlinganayo. Maxa wambi kuyanyanzelaka ukuba ndimthungele ngokwam impahla yokunxiba kuba iyabiza impahla ethengwa sele ithungiwe emlinganayo.
BONA XHOSA -February 2p00 43
Akukho kutya kukhethekileyo aphekelwa kona uPhumlani, utya nje into etyiwa ngumntu wonke. Phofu ke yena utya kakhulu, utshilo uJostina,
Nokuba yintoni na ebangela uPhumlani abe mkhulu ngolo hlobo, eyona nto imkhathaza kakhulu uJostina kukuba Ie ngxaki yenze ukuba angafundi kwizikolo ezifunda abantwana abaphilileyo. lsikolo sale ngingqi yethu sathi mandimse kwisikolo sabantwana abakhethekileyo eSikhawini, ndawo leyo ikude lee kunathi apha. Andinazalamane kufutshane neso sikolo ngoko ndabona kubhetele ndingamsi.
UJostina owenza imisebenzi ezizingxungxo ukuze ondle usapho lwakhe, usebenzisa iincwadi ezindala zabantwana bakhe abadala ekufundiseni unyana wakhe - kodwa ingena nzima into amfundisa yona enjalonje uyakhawuleza ukulibala.
UJostina uchaze nokuba ingxaki yobukhulu bonyana wakhe ibangele ezinye iingxaki. Xa esukuma emva kokuba ebehleli phantsi, ukhala ngokuba iinyawo nomqolo wakhe uba buhlungu, kodwa uyazama ukudlala nabanye abantwana babamelwane.
Nangona kunjalo uyakhawuleza ukudinwa kuba usindwa ngumzimba wakhe. Uyathandwa gqitha ngabamelwane, abamnyoli ngokuba mkhulu kwakhe.
Ukuthanda gqitha ukudla ngesilingi sakhe ukanti uyanceda kwimisetyenzana yasekhaya. Emini ufika elungisa izinto ezonakeleyo ekhaya, utshilo uJostina encumile.
UPhumlani othethela phantsi usichazele ukuba akukhula abe mdala ufuna ukutshata ukuze umkakhe aphumze unina kwirnisebenzi yekhaya ayenzayo.
Okwangoku le ntwana ithandekayo nebizwa ngokuba nguGoboyi ithi ifuna ukunciphisa umzimba wayo ukuze ilingane neentanga zayo.
Ndifuna ukuba nebhayisikili .yam kunye nebhola, utshilo ngelizwi eliphantsi. Unina kaPhumlani uthi wayekwazi ukukhwela ibhayisikili enamavili amathathu esemncinane - kodwa ubukhulu bakhe bamenza wangakwazi xa semdala.
UJostina uyayithanda into yokuba abantu ababona unyana wakhe abamenzi intlekisa. Nkqu nabantu esingabaziyo basinika amazwi enkxaso nenkuthazo, utsho.
Ucebise abanye oomama abasenokuba banabantwana abangafaniyo nabanye abantwana ukuba babathande yaye babakhathalele nangakumbi.
Owona mnqweno wam ngokokuba unyana wam afumane umntu oza kumenza azalisekise amaphupha akhe ebomini kuba mna andinamaphiko okwenza oko.
Nangona buyingxaki ubukhulu bukaPhumlani ingakumbi xa kufuneka kuhanjwe imigama emide yokuya esibhedlele - uJostina uthi unyana wakhe ufuna ahlale enjengokuba enjalo.
Ndimthanda eyilento ayiyo. Kaloku nguThixo umdali nokunika isipho, andizange ndizenzele, uqwele ngelitshoyo uJostina. 
44 BONA XHOSA - February 2000
UFatty Booni-Boom waseMunguzi
Nangona emkhulu uPhumlani
uyakwazi
ukungena
emnyango
wakowabo.




NguThixo umdali
nondinike isipho esinguye, utsho uJostina Mdletshe okhulise ingxilimbela
yonyana wakhe nabanye
abantwana bakhe abasixhenxe
ukususela oko uyise wabo waswelekayo.
wakuyintsasa yangeCawe dabizwa kusithiwa kukho umntu
ondityeleleyo. lphepha endalinikwa entolongweni lalibhalwe ukuba ngumntakwethu uCharles oze kundibona. Ndavuya gqitha kuba oko kwayiphelisa intlungu yokukhumbula usapho lwakowethu.
Ndaya esiseleni endandivalelwe kuso ndazilungisa. Ndathatha iileta endandizibhalele usapho lwam nendandiyibhalele uCharles. Ndandimenzele umsesane netsheyini lokuhomba. Ndathatha ezo zinto ndazifaka emvulophini ndaza ndaya apho ndandiza kumbonela khona.
Sahlala naye kumnandi,
iinyembezi zovuyo lokubonana
46 BONA XHOSA - Febfuary 2000
zisihla kuthi sobabini. Sasincokola ngezinto ezenzeka kudala, ezenzeka ngoku nesiza kuzenza kwixesha elizayo, sihleka kumnandi. Umntakwethu wayendibalisela iindaba ezintsha nezokuba usapho lwakowethu luphilile.
Ben

Oko ndavalelwa entolongweni inye imini eyaba mnandi kum. Ngaloo mini ndabona igama lam kwiphepha-ndaba elalinoluhlu lwabafundi abaphumelele iMatriki. Andizange ndikholwe. Ndaba ngathi ndiyaphupha ndabe ndingalalanga. Endandikubona kwakuyinyaniso.
lbainjwa
Ngomhla wama-28 kuFebruwari ndazilungiselela imini endingasokuze ndiyilibale ebomini. Njengoko ndandisentolongweni, ndandingaqondi ukuba ndingavunyelwa ukuba ndiye eSun City. Ngemini engaphambili kwaleyo kwakungathi ndiza kuya enyangeni. Andizange ndilale buhlayo luvuyo ndicinga ngemini elandelayo. Kwakungathi ndizelwe ngokutsha xa ndicinga ngento eyayiza kwenzeka. Unontlato-ntle wandilungiselela ukuba ndifowunele usapho lwasekhaya ukuze lundizisele iimpahla zokunxiba ezaziswa ngudadewethu. Ngendlela endandivuye ngayo ndade ndalibala nesidlo sam sangokuhlwa.
iqulunqwe nguLESLEY ANN TINTINGER noSHANE ANTSHULER



Nkqu nasentolongwenizikho iimini ezimnandi ozikhumbulayo - kolu dliwano-ndlebe lulodwa amabanjwa aseMzantsi Afrika akhumbula iimini zawo ezimnandi zasentolongweni yaye ajonge kubomi obutsha benkulungwane entsha
Ndazibuza imibuzo emininzi -enjengokuba ngaba ngeny imini ndiya kuze ndibe nayo na eyam imoto nokuthi kazi ndiyakuwufumana na umsebenzi ndakukhululwa entolongweni? Nangona ndandisuka kusapho olungamahlwempu ndaba nethemba lokuba nengomso eliqaqambileyo.
Safika eSun City sahlala etafileni safumana into esiwa phantsi kwempumlo. Ndayibona iyindawo yokuphumla endaziva sele ndinqwenela ukuhlala kuyo. Emva koko sahamba-hamba sibona abantu abasuka kwiindawo ngeendawo. Ndacela ukufotwa
kunye nomfanekiso oqingqiweyo wendlovu. Emva kokufumana isidlo sangokuhlwa saya kwiholo yesekisi apho safika safundiswa izinto yinto ngabantu abaphangela apho. Sabona abaxhentsi nabenzi bomthambo apho, kwaye ndadibana nomnye umfo ekuthiwa ngusifiso owayedlala emdlalweni othi Baletsatsi. Wasibalisela ngalo mdlalo mnandi yaye kwakungathi ndiyaphupha. Andisokuze ndiyilibale loo mini.
Roderick
Ngobusuku bomhla woku-1 kuMatshi mna noSiphiwe esivalelwe naye salala kwindawo ekufikela kuyo iindwendwe. Ngaphambi kokuba ndilale ndathandaza ukuba loo mini ifane nento ebesixelelwe ukuba iza kuba yiyo. Oko kwakuyeyona mini ibalulekileyo ebomini bam.
Ngomhla wesi-2 kuMatshi sahamba namalungu eDCS nomphathi wengingqi yethu saya eSun City. Njengoko ndandilibanjwa ndavuya gqitha ngethuba endalinikwayo. Sathi xa sisendleleni esinga apho ndazibona ndingumntu onomahluko kusapho lwasekhaya. Ndandihamba ngemoto nabantu abanengomso eliqaqambileyo.
UMnu. Ragotho wandixhawula wandinika isatifiketi sokuphumelala ugqatso lwe-300m. Ndandiqala ukufumana isatifiketi ebomini. Andisokuze ndiyilibale loo mini kuba ndaqala ngayo ukuqonda ukuba ndinesiphiwo sokubaleka. Oko kusandivuyisa nangoku.
lbajwa
Eyona mini ibe mnandi kum ngoku ndilapha entolongweni yeyomhla ka-16 kuJuni. Kwakusasa ngaloo mini ndandiqonda ukuba iza kuba yimini enempumelelo kum. Ndavuka ndahlamba ndalindela abalindi
Basebenzela
lnkul
uIeko
lqela lababefudula bengamabanjwa bonke ababe negalelo kwincwadi ethi Cries Without Teafs.
BONA XHOSA - February 2000 47
